Wednesday, October 14, 2009

Xhosa version of rights

· Ilungelo lokuphathwa ngokufanelekileyo nangembeko ukulungiselela isidima sakho nobomi obububakho:
o Unalo ilungelo lokuba unakekelwe ngokukhawuleza nangentobeko, uphathwa ngembeko kulungiselelwa isidima sakho nobomi obubobakho ngawo onke amalunu alo naliphi isebe likarhulumente elisebenzisana okanye elinikeza inkonzo kuwe (ukususela ngoku bazakubizwa ngokuba ngabanikeseli nkonzo).
o Amapolisa, ngexesha lophando; umtshutshisi namagosa enkundla ngexeshae lolungiselelo nangexesha lwenkqubo yokothethwa kwetyala, kwakhona njengabo bonke abanye abanikezela ngenkonzo, fanele bathathe imilinganiselo ukunciphisa nayo nayiphina ingxaki kuwe njengexhoba ngokuqhuba udliwanondlebe kunya nawe ngolwimi lwakho nalapho kusithele khona ukuba kuyimfuneko.
o Le milinganiselo iza kunqanda ixhoba ekubeni layanyaniswe nokuphatha kakubi ngokukhetha okukwesibini.
· Ilungelo lokunikezela ngolwazi
o Unelungelo lokunikezela ngolwazi ngexesha lophando lolwaphulo-mthetho nokuthethwa kwetyala.
o Amapolisa, umtshutshisi, negosa lenkonzo zoluleko baza kuthatha imilinganiselo ukuqinisekisa ukuba naluphina unikelo onqwenela ukulenze kuphando, kumangalelo lwengqawule nakuphulaphulo luvakele kwaye luthatyathwe xa bekucingwa ngokuba kuqhutyekwe nophando okanye ukumangalelwa okanye kuchotshelo lweBhodi yeNgqawule.
o Eli lungelo lithetha ukuba ungayirhabatha inxaxheba (apho kuyimfuneko nalapho kulunge khona) kwinkqubo zolwaphulo-mthetho zobulungisa, ngokuya kumamela inzxoxo zebheyile, uthetho lwetyala, kwinkqubo zowiso-sigwebo nakwi/okanye kuchotshelo lwebhodi yengqawule.
o Le nto ithetha ukuba uza kubanalo ithuba lokwenza ingxelo engaohaya emapoliseni ukuba uyaqonda ukuba ingxelo yakho yokuqala ayigqitywanga; kwakhona ungayenza ingxelo enkundleni ukuzisa ingcaciso yokuba ulwaphulo-mthetho lukuphathe njani na.
o Ngaphezu koko, ungenze isicelo esibhaliweyo kumGcini-sihlalo weBhodi yeNgqawule ukuba ubekhona xa kuchotshelwa ingqawule, kwaye kufuneka ungenise izimvo zakho ezibhaliweyo.
· Ilungelo lokufumana ulwazi
o Unelungelo lokufumana ulwazi ngamalungelo akho nokuba la malungelo uwasabenzisa njani.
o Kwakhona, njengengxenya yeli lungelo, uyakwazi ukucela ingcaciso yanayiphina into ongayiqondiyo, ngolwimi lwakho.
o Unelungelo lokufumama ulwazi nokuba uxelelwe ngazo zonke inkonzo eziphatheleleneyo ezikhoyo kuwe ngabanikezeli zinkonzo.
o Fanele uxelelwe ngendima yakho etyaleni nokuba ityala lizakutsala ixesha elingakanani . Ungacela ulwazi oluphathelele nentsuku inkundla ezakuchophela ngayo ityala, imirhumo yamangqina neenkqubo zokhuseleko zamangqina
o Ungacela ukwaziswa ngewonga ltyala, ukuba umoni ubanjiwe na okanye akakabanjwa, ubekwe ityala na unikwe ibheyile, umangalelwe, ubanjiwe, kwaye ukuba kunjalo, ugwetyiwe na.
o Ungazicela izizathu zesigqibo ezithe zathathwa mulunga netyala lakho ukuba liqhubake notshutshiso okanye hayi.
o Unelungelo lokufumana lo maxwebhu umthetho okunika ilungelo lokubana ukwazi ukufikelela kuwo.
o Ungacela ukufumana isaziso senkqubo ozakuya kuzo.
o Kwakhona ungacela umtshutshisi azise umqeshi wakho zonke iinkqubo, ezingenza ukuba kufuneke ungabikho emsebenzini
· Ilungelo kukhuseleko:
o Unelungelo lokuba ukhululeke kungcungcuthekiso, kwimbandezelo, uloyiko, ubhucabhuco, unyobo, ukungcola nempathombi. Ukuba ulingqina fanele uxele izisongelo ezinjalo emapoliseni okanye kumtshutshisi omkhulu kaRhulumente.
o Ukuba uyavumelana neemfuno ezithile, amapolisa emva koko aza kusebenzela ukuba ubekwe ngaphantsi kokhuseleko lwengqina
o Ukuba isicelo esinjalo siyaphumelela, uyakubakwa kwinkqubo yokhuseleko lwengqina, ekubeni uselapho uyakube ukhuselekile kangangoko kuzo zonke iindlela zempembelelo ezingafanelekanga, nakweimbandezelo okanye ekungcungcuthekisweni.
o Oku kuza kuqinisekisa ukhuseleko lwakho njengengqina ukwezela ukuthi ubungqina bakho bufumaneke, yaye kuzakwenza ukuba ukurhoxa ekungqineni kungenzeki ngenxa yempembelelo engafanelekanga.

o Eli lungelo lithetha ukuba kwiimeko ezithile inkundla ingaluthintela upapasho lwalo naluphina ulwazi (kubandakanywa nobuwena), okanye ingayalela ukuba ityala lixoxwe ngaphaya komkhusane (ngasese).
o • Ungacela iiNkonzo zoLuleko ukuba zikuxelele ukuba umoni ubalekile okanye utshintshiwe.

· Ilungelo kuncediso
o Unelungelo lokucela uncedo, kwaye xa kukho imfuneko unako ukufikelela kwinkonzo zezempilo nezengcebiso kwakunye noncedo lwasemthethweni oluphendulayo kwiimfuno zakho.
o Amapolisa aza kukuncedisa ngokukucacisela iinkqubo zamapolisa; ngokukuxelela amalungelo akho nokwen­za isingqinisiso esifanelekileyo kwabanye abanikezeli nkonzo.
o Umlawuli we-ofisi okanye intloko yeofisi enkundleni iza kwenza amalungiselelo ukulungiselela iinkonzo zeto­liki.
o Umtshutshisi uza kuqinisekisa ukuba imilinganiselo eyo­dwa iyasetyenziswa ngokunxulumene netyala lesini, ubugebenga basekhaya nenkxaso yomntwana/isondlo, ukuthi lomatyala achotshelwa kwiinkundla ezizodwa apho zikhona.
o Ukuba unemfuno ezizodwa, bonke abanikezeli nkonzo ngokunxulumene nemisebenzi yabo elandelelanayo banoxanduva lokuthatha onke amanqanaba ukwam­kela amaxhoba anemfuno ezizodwa bawaphathe ngobunono.

· Ilungelo kwimbuyekezo
o Unelungelo kwimbuyekezo yelahleko okanye umonaka­lo wempahla ezonakele ngenxa yolwaphulo-mthetho olwenziwe ngokuchaseneyo nawe.
o Ungathi ngalo mhla wokugwetywa kommangalelwa ucele umtshutshisi ukuba enze isicelo enkundleni somy­alelo wembuyekezo ngokwecandelo 297 no-300 woM­thetho weNkqubo yolwaPhulo-mthetho inombolo 51 ka-1977.
o “Imbuyekezo” ibhekiselele kumyinge wemali inkundla ejonge ezobundlobongela ithi iyinike ixhoba elithe la­lahlekelwa okanye lonakalelwa yimpahla, kubandakan­

o ya imali, ngenxa yesenzo solwaphulo-mthetho okanye ukungalandeli komthetho komntu obanjiweyo ngok­wenza ulwaphulo-mthetho.
o Umtshutshi uza kukuxelela ukuba umyalelo wembuyek­ezo uvunyiwe yinkundla, akucacisele ukuba uthini umyalelo yaye ungawusebenzisa njani. Apho inkundla yolwaphulo-mthetho inganiki myalelo wembuyekezo kummangalelwa uyakwazi ukufaka ityala kwinkundla enjongene namatyala ezemali. Lento yenzeka apho umonakalo kungekho lula ukuwulinganisela ngokweze­mali njenga kwityala lo monakalo wengqondo okanye intlungu nobuhlungu.

· Ilungelo kwisibuyiselo
o Unelungelo kwisibuyiselo ngokuphathelele kwimpahla oyithathelwe ngokungekho mthethweni. “imbuyekezo” ibhekiselele apho inkundla, emva kokufumanisa um­angalelwa enetyala, iyalela umoni abuyisele iimpahla afunyenwe enetyala lokuba nazo ngokungekho mthethweni azithathe kuwe ukwenzela ukugcina wena usendaweni obukuyo ngaphambi kwetyala.

o Umtshutshisi uza kukuxelela ukuba imbuyekezo iquka ntoni kwaye unobhala wenkundla uza kukunceda eku­nyanzeliseni eli lungelo.

· IZIKHALAZO
o Gcina engqondweni ukuba unelungelo lokukhalaza, unganxibelelana neSebe likaRhulumente elithile okanye umnikezeli ngenkonzo ukuba ngaba unesikhalazo ngok­uphathelelene nenkonzo oyifumanayo okanye ukuba ngaba amalungelo akho awasiwanga so. Ukuba awonel­isekanga yindlela apho izikhalazo zakho ziphathwe ngayo, usenakho ukunxibelelana nemibutho enjengale :
o a. I-ofisi yomkhuseli woluntu,
o b. Ikhomishoni yamaLungelo oluNtu yaseMzantsi Afrika
o c. Ikhomishoni yolingano ngokwesini,
o d. candelo lezikhalazo elizimeleyo,
o e. Ii-ofisi zamapolisa enqila;
o f. Ikhansile yemisebenzi yezempilo yoMzantsi Afrika, okanye
o g. Igqwetha ozikhethele lona ngokwakho ngemali yakho
o
o Iinkcukacha ngolwazi olungaphaya ngokudibanise ne tshata yamaxhoba nceda bhekisa kumaNqanaba amaNcinane kwiNkonzo zamaXhoba olwaPhulo-mthetho. Olu xwebhu luyafumaneka kuyo nayiphina i-ofisi kaRhulumente.
o Abo banendima abayidlalayo kwezobulungisa bazak­wenza inzame zokuba le tshata yamalungelo ifumaneke kwezi-ofisi
o • Ezinkundleni
o • Kwi-ofisi zesebe zeNkonzo Zoluleko
o • Kwi-ofisi legunya lesizwe labatshutshisi
o • Ezintolongweni
o • Kwi-ofisi zamapolisa nezabaphandi
o • Ofisi zenkonzo zoluntu
o • Ofisi zamapolisa enqila
o • Kwindawo ezijonge ezempilo zoluntu
·
· ULWAZI OLUNGAPHEZULU
o Ukuba ufuna ulwazi olungaphezulu oluphathelele kuwo nawuphina umcimbi oqulathwe kolu xwebhu, unganxi­belelana neSebe lezoBulungisa noPhuhliso lomGaqo-siseko leCandelo leSini kwezinombolo zilandelayo:
o Umnxeba: (012) 315 1670
o Ifeksi: (012) 315 1960
o I-imeyile: VictimCharter@justice.gov.za
o Inombolo yasimahla: 0800 011 022

· IMIBULELO
o Itshatha yenkonzo yamaXhoba olwaphulo-mthetho aseM­zantsi Afrika yaphuhliswa liCandelo leSini kwiSebe lezoBu­lungisa noPhuhliso lomGaqo-siseko, ngentsebenziswano neSebe loPhuhliso lwezeNtlalontle, iiNkonzo yezoLuleko, iMfundo, nezeMpilo, kwakunye noGunyaziwe woTshutshiso weSizwe, iiNkonzo zamaPolisa oMzantsi Afrika, iKhomis­honi yotHaziyo mthetho wokuLungisa yaseMzantsi Afrika, iKhomishoni yamaLungelo oluNtu yaseMzantsi Afrika, i-Ofisi yomKhuseli woluNtu, iCandelo leziKhalazo eliziMeleyo, iiKhomishini zamalungu eeNkonzo zooMantyi nenkundla kwakunye namalungu amaPolisa enqila yeTshwane.
o Isebe lobuLungisa noPhuhliso lomGaqo-siseko libulela kakhulu ngeminikelo exabisekileyo eyenziwe yimibutho engekho phantsi koRhulumente eyahlukahlukeneyo na­maziko emfundo ephakamileyo kumaxwebhu.

o

No comments:

Post a Comment